Iidanaso, Iidayimani nedemokhrasi: Imbali emfutshane yoMzantsi Afrika

by Francis Wilson

Sindiwe Magona (Translator)

0 ratings • 0 reviews • 0 shelved
Book cover for Iidanaso, Iidayimani nedemokhrasi

Bookhype may earn a small commission from qualifying purchases. Full disclosure.

Iasteroid ebukhulu bulingana neNtaba yeTafi le yawela kwindawo ekunamhlanje nje ebizwa ngokuba nguMzantsi Afrika kwiminyaka eziibhiliyoni ezimbini eyadlulayo, yaza ngoko ke yaphawula le ndawo. Ukusuka ngoko imbali yeli lizwe yomelela kwaye yanobungangamsha obungaphaya. Le incwadi ikusa ngqo kuloo mzuzu, kanye ekuqalekeni kwezo ngqaqa zegolide, ukuza kuthi ga ekuqalekeni kwedemokrasi, into apha eyamangalisa ihlabathi jikelele. Xa uphendla le ncwadi uza kuhlangana nezinye zeedayinaso zakudaladala ezarekhodishwayo, uza kuhlangana nabantu bokuqala ngqa kwiplanethi iphela, kwakunye neenkcubeko zokuqala ngqa apha ehlabathini. Uza kubona abangeneleli bengena kweli lizwekazi kwakunye nefuthe labo ekuguqukeni kwembali yeli: abazingeli nabaqokeleli, abalimi nabafuyi, abasebenzi besinyithi abasuka emantla, kwakunye neembacu nabafudukeli abasuka eYurophu naseAsia. Bonke aba bantu babesilwa kodwa balumilisela noxolo, bahlangana nedayimane kunye negolide bengalindele, baqaqamba ekwenzeni izinto-yinto baza batshona dzwabha phantsi kwengcinezelo, de ngenye imini bafola bebonke ngokulinganayo ukuze benyule urhulumente oza kubafaka kule nkulungwane yeminyaka yamashumi amabini ananye njengesizwe sedemokrasi. Eli libali eliqaqanjiswe ziidayinaso, iidayimane kunye nedemokrasi.
  • ISBN13 9781415209523
  • Publish Date 17 April 2017
  • Publish Status Active
  • Publish Country ZA
  • Publisher Random House (Pty) Ltd South Africa
  • Imprint Umuzi
  • Format eBook
  • Pages 144
  • Language xho